ISebe leMfundo esiSiseko lithi akukho zicwangciso zonkongeza uGrade 13. Umfanekiso: Maroke
ISebe leMfundo esiSiseko liwakhabile amabango okuba ukususela ngomhla wokuqala kweyoMqungu ka2026 kuya kubakho elinye ibanga, uGrade 13, nelongezelelwe kwizikolo eziphakamileyo zaseMzantsi Afrika. Oku kuza emva kokuba iindaba zisasazeke kumakhasi onxibelelwano malunga nebanga leshumi elinesithathu (Grade 13) elongeziweyo kwinkqubo yemfundo.
Omnye wabantu abapapashe la mabango ngumntu wakuTikTok ozibiza u-@garfieldzar othe kwividiyo ukuba isikolo samabanga aphakamileyo asisapheli kuGrade 12 kwaye ngoku siphelela kuGrade 13.
Ezi ndaba zikhawuleze zasasazeka kwaye abantu bagxeka iSebe ngokufaka elinye ibanga, nabakholelwa ukuba aliyomfuneko.
Lo mntu kamva wapapasha enye ividiyo esithi uyaqhula. “Kuyacaca ukuba akuzubakho uGrade 13, andisiso isibhanxa. Ukuze kubekho uGrade 13 kunyaka ozayo, kuya kuthetha ukuba bonke abafundi bakaGrade 12 kulo nyaka abanako ukuya eyunivesithi kunyaka ozayo, nto leyo ethetha ukuba akusayi kubakho bafundi abenza unyaka wokuqala kuyo nayiphi na iyunivesithi,” utshilo.
ISebe lilumkise abantu ukuba bazilumkele iindaba ezingeyonyani. “Akukho zicwangciso zokongeza uGrade 13 kwinkqubo yezikolo zaseMzantsi Afrika. Izibhengezo zeSebe leMfundo esiSiseko zipapashwa kumaqonga onxibelelwano eDBE,” litshilo iSebe kwingxelo emfutshane.
Related Topics: